Joshua 20:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kusabela kwesinye ezixekweni ezo, eme emnyango wesango lesixeko, atete amazwi ake ezindlebeni zabadala besosixeko, abaya kumamkela esixekweni kubo, bamnike indawo, ukuba ahlale nabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
abalekele komnye waloo mizi, eme ekungeneni kwesango lomzi, awathethe ezindlebeni zamadoda amakhulu aloo mzi amazwi akhe;amamkelele kuloo mzi, abe kuwo, amnike indawo, ukuba ahlale nawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba uthe wasabela komnye waloo mizi, wema ekungeneni kwesango lomzi, wayithetha indaba yakhe, apho aphulaphuleyo amadoda amakhulu aloo mzi, umse kuwo umzi, umnike indawo, ukuba ahlale kuyo. Pha unokuhlala phakathi kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umntu oye kuzimela kwezo zixeko kufuneka anike inkcazelo ngesenzo sakhe enkundleni kumadoda amakhulu esangweni leso sixeko. Ngawo aya kumamkela amnike indawo yokuhlala phakathi kwawo.