Joshua 20:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waeya kuhlala kwesosixeko, ade eme ebusweni bentlanganiso ukuba kugwetywe, umhlaumbi kude kufe umperisite omkulu oya kubako ngezontsuku; andule abuye umbulali lowo, eze esixekweni sakowabo, nasendlwini yake, esixekweni apo abesaba kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wohlala kuloo mzi ade eme phambi kwebandla, lithethwe ityala lakhe, ade afe umbingeleli omkhulu oya kubakho ngezo mini, andule umbulali ukubuyela emzini wakowabo, nasendlwini yakhe, emzini abebaleke ekuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wohlala kuloo mzi ade eme phambi kwebandla, agwetywe, ade afe umbingeleli omkhulu oya kuba elapho ngaloo mihla kwisixeko awayebalekele kuso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbulali angahlala apho kweso sixeko de kufike umhla wokuvavanywa kwetyala ngumzi. Akuba eswelekile umbingeleli omkhulu angabuyela ke kwisixeko sakowabo awayebaleke kuso.”