Joshua 20:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zizo ezi izixeko ezibe zimiselwa lwonke usapo luka‐Sirayeli, nowasemzini obepambukele pakati kwalo, ukuba asabele kona osukuba ebulala umntu ngesiposo; aze angafi ngesandla sompindezeli wegazi, engekemi ebusweni bentlanganiso.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yiyo leyo imizi eyamiselwa bonke oonyana bakaSirayeli, nowasemzini ophambukele phakathi kwabo, ukuba babalekele kuyo bonke abantu ababulele umntu ngengozi, ukuba bangafi sisandla somphindezeleli wegazi, bade beme phambi kwebandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zizo ezi izixeko ezigcinelwe oonyana bakaSirayeli bonke, nomphambukeli ophambukele phakathi kwabo, ukuze abalekele khona bonke ababulele umntu ngengozi, angabulawa ngumphindezeli wegazi, ade eme phambi kwebandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zizo ke ezo izixeko ekwakunokuphephela kuzo nawuphi na umSirayeli okanye umngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli. Injongo yazo yayikukuzimelisa umntu obulele omnye ngengozi, ukwenzela ukuba ze kungabikho mntu ubulawayo sisizalwana somfi engekemi enkundleni yamatyala ngaphambi kwebandla.