Joshua 21:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nezizalwane zosapo luka‐Kohati, aba‐Levi abaseleyo elusatsheni luka‐Kohati, zona zazinezixeko zeqashiswa lazo zicatshulwe esizweni sika‐Frayime.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Imizalwane yoonyana bakaKehati, yabaLevi abaseleyo koonyana bakaKehati, yafumana imizi yeqashiso layo esizweni sakwaEfrayim.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Imizalwane yoonyana bakaKehati, abaLevi abaseleyo koonyana bakaKehati, yanikwa isizwe sakwaEfrayim imizi yeqashiso.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eminye imizi yabaLevi endlu yakwaKohati yabelwa izixeko kummandla kaEfrayim.