Joshua 21:44 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova kanjalo ebanikile ukupumla ngamacala onke, njengako konke abefungile ngako koyise babo: akwabiko namnye umntu kuzo zonke intshaba zabo obenokuma pambi kwabo; zonke intshaba zabo wazinikela uyehova esandleni sabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wawaphumza ngeenxa zonke, njengako konke awabafungelayo ooyise; akwabakho mntu ezintshabeni zawo zonke umayo phambi kwawo. Zonke iintshaba zawo uYehova wazinikela esandleni sawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wawaphumza, njengoko wafungayo kooyise; Akwabakho namnye weentshaba zawo ume phezu kwawo; uYehova wazinikela esandleni sawo zonke iintshaba zawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wezisa uxolo kulo lonke elo zwe uNdikhoyo, njengoko wabathembisayo ngesifungo ookhokho babo. Iintshaba zawo zonke zange zibe nakumelana nawo amaSirayeli kuba uNdikhoyo wayezinikela ezandleni zawo iintshaba zawo.