Joshua 22:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwati usapo luka‐Sirayeli lwakuva oku, yasuka yahlanganisana yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli e‐Shilo, ukuba kunyukwe ukuya kulwa nalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Beva ke oonyana bakaSirayeli, balibizela ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli eShilo, ukuba kunyukwe kuyiwe kubo, kuliwe nabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Beva ke oonyana bakaSirayeli, balibizela ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli eShilo, ukuba lilwe nabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yakuvakala loo nto lonke ibandla lakwaSirayeli lahlangana eShilo, lizilungiselela ukuhlasela izizwe ezingaphesheya, empumalanga yeJordan.