Joshua 22:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwatuma ukuya elusatsheni luka‐Rubene, naselusatsheni luka‐Gadi, nakwisiqingata sesizwe sika‐Manase, elizweni le‐Gileyadi, u‐Finehasi unyana ka‐Elezari umperisite,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaSirayeli bathuma uPinehasi, unyana kaElazare umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baza oonyana bakaSirayeli bathumela koonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi nakwisiqingatha sesizwe sakwaManase ezweni laseGiliyadi, uFinehasi unyana wombingeleli uEleyazare;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli athuma umbingeleli uPineyasi unyana kaElazare kwaRubhen nakwaGadi nakwaManase ongaphesheya eGiliyadi.