Joshua 22:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ukuba ilizwe lemfuyo yenu linco̔lile, welelani kuti elizweni lemfuyo kayehova, apo imi kona itabanakele kayehova, nize nizuze indawo pakati kwetu: kodwa ningavukeli ngakuye uyehova, ningavukeli nangakuti, ngokuzakela kwenu isibingelo, ngapandle kwesibingelo sikayehova, utixo wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inene, ukuba nithi liyinqambi ilizwe lelifa lenu, welani nize ezweni lelifa likaYehova, apho umnquba kaYehova ukhona, nime phakathi kwethu. Ke musani ukugwilika kuYehova, musani ukugwilika kuthi ngokuzakhela isibingelelo esingesiso isibingelelo sikaYehova uThixo wethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba liyinqambi ilizwe lelifa lenu, hambani niye ezweni lelifa likaYehova, ohleli kulo umnquba kaYehova, nixhamle phakathi kwethu; Ke musa ukugwilika kuYehova, musa ukusiphikisa; wazakhele isibingelelo phambi kwesibingelelo sikaYehova uThixo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umhlaba wenu ugqwalisekile, ngani ningaweli iJordan nje, niye apho simiyo *isibingelelo sikaNdikhoyo ezweni lakhe, nize kuma apha phakathi kwethu? Yekani ukumvukela uNdikhoyo nize nathi nisifake kolo vukelo lwenu ngokwenza qonga limbi lingelilo likaNdikhoyo uThixo wethu.