Joshua 22:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanene u‐Hakane, unyana ka‐Zera, akagqitanga na ngesigqito entweni elahlelwe ekutshatyalalisweni, waza umsindo wawela yonke intlanganiso yo‐Sirayeli? kanjalo indoda leyo ayabuba yodwa ngenkohlakalo yayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akamenezanga yini na uAkan, unyana kaZera, ngobumenemene entweni esingelwe phantsi, kwaza kwabakho uburhalarhume phezu kwebandla lonke lamaSirayeli? Loo mntu mnye akatshabalalanga yedwa ngobugwenxa bakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akazange na uAkan, unyana kaSeraki, enze ububi ngenxa yobubi, kwaza kwabakho umsindo phezu kwebandla lonke likaSirayeli? kwaye loo mntu akazange atshabalale ngokungendawo kwakhe yedwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba senikulibele ukungathembeki kuka-Akana unyana kaZera, owathatha amaxhoba amakatshatyalaliswe, kwaza ngenxa yeso senzo kohlwaywa lonke ibandla lakwaSirayeli? UAkana akazange afe yedwa ngenxa yesono sakhe.”