Joshua 22:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ukuba sizakele isibingelo, ukubuya ekulandeleni uyehova; nokuba kungokunga singanikela pezu kwaso idini lokutshiswa nomnikelo wokudla, nokuba kungokunga singenza pezu kwaso imibingo yoxolo; (uyehova yena makabuze!)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze ungasisindisi namhlanje, ukuba sizakhele isibingelelo sokusibuyisa ekulandeleni uYehova, nokuba sinyusa phezu kwaso idini elinyukayo, nomnikelo wokudla, nokuba senzele phezu kwaso imibingelelo yoxolo: uYehova ngokwakhe makakubuze oko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze sakhe isibingelelo sokubuya simke kuYehova okanye senze umnikelo otshiswayo okanye umnikelo wokudla okuziinkozo phezu kwaso okanye senze imibingelelo yombulelo phezu kwaso, kuya kuba yimfuneko kuYehova ngokwakhe;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaye ukuba ngeli qonga sityekile ekumlandeleni uNdikhoyo ngokwenzela kulo amadini ethu atshiswayo, nawokudla, nawobudlelane, makasuke asigwebe yena ngenkqu.