Joshua 22:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuba akungenxa yokuxalela le nto na esikwenzileyo oku, sisiti: Ngexesha elizayo bangatsho abantwana benu kubantwana betu ukuti: Uyinto nina kuni uyehova, utixo wo‐Sirayeli?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inene, siyenze le nto ngesithukuthezi, ngethuba lokuthi, Ngexesha elizayo bothi oonyana benu koonyana bethu, Yintoni na enani noYehova, uThixo kaSirayeli?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Besingenakuyenza njani loo nto, ngenxa yokuba besisoyika lo mbandela, saza sathi, Ekuhambeni kwexesha oonyana benu baya kukwazi ukuthetha koonyana bethu, besithi, ‘Nina nengxaki uYehova, uThixo kaSirayeli?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi bo! Elaa qonga silenze ngenxa yexhala lokuba kwixesha elizayo abantwana benu basenokuthi kubantwana bethu: ‘Uyintoni kuni kakade uNdikhoyo uThixo kaSirayeli?