Joshua 22:25 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba uyehova ewubekile umda pakati kwetu nani, i‐Yoredane, nina lusapo luka‐Rubene nosapo luka‐Gadi! akuko kuni isabelwa kuyehova: bade abantwana benu benze abantwana betu bayeke ukwoyika uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova umise umda oyiYordan phakathi kwethu nani, nyana bakaRubhen, nyana bakaGadi; aninasabelo kuYehova nina: oonyana benu benze ukuba oonyana bethu bayeke ukumoyika uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uYehova umise umda weYordan phakathi kwethu nani, nyana bakaRubhen noonyana bakaGadi aninasabelo kuYehova; ukuze abantwana benu bayeke ukumoyika uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akanto yakwenza nani maRubhen namaGadi; wasahlula nani ngokwenza iJordan umda.’ Loo nto ke ingabangela ukuba abantwana bethu bayeke ukunqula uNdikhoyo.