Joshua 22:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko sibe linqi̔na pakati kwetu nani, napakati kwezizukulwana zetu emva kwetu, lokuba singenza inkonzo kayehova pambi kwake, ngamadini okutshiswa etu, nangemibingo yetu, nangeminikelo yoxolo yetu; nokuba bangabi abantwana benu ngexesha elizayo nokuti kubantwana betu: Akuko kuni isabelwa kuyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
sibe lingqina phakathi kwethu nani, naphakathi kwezizukulwana zethu emva kwethu, ukuba sisebenze umsebenzi kaYehova phambi kwakhe ngamadini ethu anyukayo, nangemibingelelo yethu, nangemibingelelo yethu yoxolo; ukuze bangatsho oonyana benu ngexesha elizayo koonyana bethu, ukuthi, Aninasabelo kuYehova nina.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa ukuze kube bubungqina phakathi kwethu nani nakwizizukulwana zethu eziya kulandela emva kwethu, ukuze siyenze inkonzo kaYehova phambi kobuso bakhe ngeminikelo yethu etshiswayo nangemibingelelo yethu nemibingelelo yethu yombulelo; ukuze oonyana benu ngexesha elifanelekileyo bangathi koonyana bethu: “Aninasabelo kuYehova nina.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi, sisitsho nje besisenzela thina nani, nezizukulwana ezizayo, ubungqina bokuba ngenene uNdikhoyo simnqula esibingelelweni sakhe ngamadini atshiswayo, nawobudlelane, nangeminikelo. Besisenzela ukuba abantwana benu bangaze bathi kwabethu: ‘Aninasabelo nina nanto yakwenza kuNdikhoyo.’