Joshua 22:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kukona sibe sisiti: Kwakuya kuti, nxa baya kutsho kuti nakuzo izizukulwana zetu ngexesha elizayo, siya kwandula siti: Kangelani imfano yesibingelo sikayehova, abayenzayo obawo betu, ingabi yeyedini lokutshiswa, ingabi yeyombingo kanjalo; koko ibe linqi̔na pakati kwetu nani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sathi ke, Kothi, xa bathe batsho kuthi, nakwizizukulwana zethu ngexesha elizayo, sibe nako ukuthi Khangelani imfano yesibingelelo sikaYehova abayenzayo oobawo, ingeyadini linyukayo, ingeyambingelelo, ilingqina phakathi kwethu nani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kungenxa yoko le nto sithe, ukuba bathe basixelela le nto, nakwizizukulwana zethu kwixesha elizayo, sobuya sithi, Khangelani umzekelo wesibingelelo sikaYehova, abasenzayo oobawo, kungekhona umlilo; kungekhona imibingelelo; kodwa ulingqina phakathi kwethu nani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thina besiba abantwana bethu babeya kuthi xa ithe yehla into enjalo: ‘Naliya iqonga elifana nqwa neliya likaNdikhoyo lakhiwa ngoobawo. Ewe kambe, asililo lamadini neminikelo, lona lilingqina kumawethu nakumawenu.’