Joshua 22:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Finehasi unyana ka‐Elezari umperisite wati kulo usapo luka‐Rubene, nakulo usapo luka‐Gadi, nakulo usapo luka‐Manase: Namhla siyazi ukuba uyehova upakati kwetu, ngokokuba ningagqitanga ngakuye uyehova ngesigqito esi: ngoku niluhlangule usapo luka‐Sirayeli esandleni sikayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakoonyana bakaManase, Namhla siyazi ukuba uYehova uphakathi kwethu, ngokuba ningabenzanga obo bumenemene kuYehova. Ngale nto nibahlangule oonyana bakaSirayeli esandleni sikaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uPinehasi, unyana wombingeleli uElazare, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, nakoonyana bakaManase, Namhla siyabona ukuba uYehova uphakathi kwethu, ngokuba animonanga kuYehova nibakhulule ngoku oonyana bakaSirayeli esandleni sikaYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umbingeleli uPineyasi, unyana kaElazare, wathi kuwo: “Ngoku siyazi ukuba uNdikhoyo uphakathi kwethu; animvukelanga. Ngoko ke amaSirayeli ephela asindile kumsindo wakhe.”