Joshua 22:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wabuya u‐Finehasi unyana ka‐Elezari umperisite, nenkosi, elusatsheni luka‐Rubene, naselusatsheni luka‐Gadi, ezweni le‐Gileyadi, ukuya ezweni le‐Kanane, kulo usapo luka‐Sirayeli, baluzisela impendulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabuya ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli, nezikhulu ezo, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, ezweni laseGiliyadi; beza ezweni lakwaKanan, koonyana bakaSirayeli, bebabuyisela ilizwi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabuya ke uPinehasi unyana kaElazare, umbingeleli nezikhulu, koonyana bakaRubhen, nakoonyana bakaGadi, ezweni laseGiliyadi, ezweni lakwaKanan, koonyana bakaSirayeli; bona yazi kwakhona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPineyasi ke neentloko zamaSirayeli bemka kwaRubhen nakwaGadi eGiliyadi, babuyela eKanana, baya kwenza ingxelo kumaSirayeli.