Joshua 22:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku impendulo leyo yailungile emehlweni alo usapo luka‐Sirayeli; lwaza usapo luka‐Sirayeli lwambonga utixo, lungabanga senakuteta ngokunyukela ngakulo kuliwe, ukuba lucitakalise ilizwe usapo luka‐Rubene nosapo luka‐Gadi lube luhleli kulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilizwi elo lalunga emehlweni oonyana bakaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli bambonga uThixo, ababa sathetha ngokunyuka baye kubo ngobumpi, balitshabalalise ilizwe abahleli kulo oonyana bakaRubhen noonyana bakaGadi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lalunga elo lizwi koonyana bakaSirayeli oonyana bakaSirayeli bamdumisa uThixo, àbacinga ukuba babaxabele, balitshabalalise ilizwe ababehleli kulo oonyana bakaRubhen noGadi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Aneliseka yiloo ngxelo amaSirayeli, atsho abonga uThixo; akabi sathetha ngakuhlasela awutshabalalise umhlaba wamaRubhen namaGadi.