Joshua 22:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa lumkani kakulu ukuba niwenze umyalelo nomteto, owabeniyalela u‐Mosesi, isicaka sikayehova, ukuba nimtande uyehova, utixo wenu, nokuba nihambe kuzo zonke indlela zake, nokuba niyigcine imiyalelo yake, nokuba ninamatele kuye, nokuba nimkonze ngayo yonke intliziyo yenu nangawo wonke umpefumlo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa gcinani kunene ukuba niwenze umthetho nomyalelo awaniwiselayo uMoses, umkhonzi kaYehova, wokuba nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, niyigcine imithetho yakhe, ninamathele kuye, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke, nangomphefumlo wenu wonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Gcinani niwugcine umthetho nomthetho, awaniwisela wona uMoses umkhonzi kaYehova, ukuba nimthande uYehova uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe zonke, niyigcine imithetho yakhe, ninamathele kuye, nimkhonze ngentliziyo yenu yonke iintliziyo nangomphefumlo wakho wonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’ ”