Joshua 22:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku esinye isiqingata sesizwe sika‐Manase u‐Mosesi ebesinikile ilifa e‐Bashane; kodwa esinye isiqingata saso wasinika u‐Yoshuwa pakati kwabazalwana babo, nganeno kwe‐Yoredane ngasentshonalanga. Nabo bona, nxa u‐Yoshuwa wabandululayo ukuya ezintenteni zabo, wandula wabatamsanqelisa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses ebesinikile ilifa isiqingatha sesizwe sakwaManase eBhashan; esinye isiqingatha saso uYoshuwa wasinika kunye nabazalwana baso nganeno kweYordan, ngasentshonalanga.Kananjalo xenikweni uYoshuwa wasindululela ezintenteni zaso, wasisikelela naso.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses wasinika isiqingatha sesizwe sakwaManase umhlaba waseBhashan, kodwa uYoshuwa wasinika esinye isabelo kubazalwana baso ngasentshona yeYordan. uYoshuwa wababuyisela ezintenteni zabo, wabasikelela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uMosis wayabele isiqingatha sesizwe sakwaManase umhlaba eBhashan, kanti ke yena uYoshuwa wabela esinye isiqingatha sesizwe sakwaManase umhlaba ongasentshona kweJordan kunye namawabo. UYoshuwa wabandulula wabasikelela wathi: