Joshua 23:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, kwakuba ntsuku ninzi emva kwokuba uyehova ebebapumzile o‐Sirayeli kuzo zonke intshaba zabo ezingqongayo, nxa u‐Yoshuwa wabemdala, ekolisile ukuba nemihla;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, kwakuba yimihla emininzi, emveni kokuba uYehova ewaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo zonke ngeenxa zonke, uYoshuwa eseleyindoda enkulu, ekhulile,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakuba kudlule imihla emininzi, uYehova wabaphumza oonyana bakaSirayeli emsebenzini wabo wonke. Waluphele uYoshuwa, wabacinezela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lakuba ligqithile ithuba elide *uNdikhoyo uwaphumzile amaSirayeli ezintshabeni zawo ezaziwangqongile; noYoshuwa ngoku wayeselemdala aluphele.