Joshua 23:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
qinisani ukwazi ukuba uyehova, utixo wenu, akasayi kupinda ukuzigqogqa ezintlanga pambi kwenu; kodwa ziya kuba zizisinga nemigibe kuni, nentswazi emacaleni enu, nezihlaba emehlweni enu, nide nibube kwelilizwe lilungileyo, enilipiweyo nguyehova, utixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
yazini kakuhle ukuba uYehova, uThixo wenu, akayi kuphinda azigqogqe ezi ntlanga phambi kwenu. Zoba zizibatha nemigibe kuni, neziniya emacaleni enu, noviko emehlweni enu, nide nicinywe kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yazini ukuba uYehova, uThixo wenu, akasayi kuphinda azigqogqe ezi ntlanga phambi kwenu; kube ngumgibe nomgibe kuni, kube ziingozi emacaleni enu, noviko emehlweni enu, nide nicinywe kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
ze nazi kakuhle ukuba uNdikhoyo akakubuy' azigxothe, anivulele indawo. Ndaweni yaloo nto ziya kusuka zibe ngathi zizabatha nezigu zokunigcayisela, zibe ngathi zizabhokhwe zokunitywatyusha, nameva asemehlweni, nide niphele nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo niwunikwe nguNdikhoyo uThixo wenu.