Joshua 23:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kuya kuti, njengokuba kuze pezu kwenu zonke izinto ezilungileyo, abeziteta uyehova, utixo wenu, kuni; kwa njalo uyehova uya kuzisa pezu kwenu zonke izinto ezimbi, ade anitshabalalise kwelilizwe lilungileyo, enilipiweyo nguyehova, utixo wenu,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, njengoko lenzekayo kuni lonke ilizwi elilungileyo, abelithethile uYehova uThixo wenu kuni, enjenjalo ukulenza kuni lonke ilizwi elibi, ade anitshabalalise kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ke kuni, njengoko onke amazwi alungileyo, abewathethile uYehova uThixo wenu kuni, anifikele; uYehova wozisela ububi bonke kuwe, akonakalisa kulo mhlaba ulungileyo, aninikileyo uYehova uThixo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti kwalo Ndikhoyo unenzela izinto ezintle kangaka uyakwazi ukubuya azise ububi anitshabalalise nithi shwaka kulo mhlaba ulungileyo aninike wona.