Joshua 23:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula u‐Yoshuwa wabiza bonke o‐Sirayeli, abadala babo, nentloko zabo, nabagwebi babo, namagosa abo, wati kubo: Mna, sendimdala, ndikolisile ukuba nemihla;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wawabiza uYoshuwa onke amaSirayeli, amadoda awo amakhulu, neentloko zawo, nabagwebi bawo, nababhali bawo, wathi kubo, Mna ndisendimdala, ndikhulile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawabiza uYoshuwa onke amaSirayeli, amadoda awo amakhulu, nabathetheli bawo, nabagwebi bawo, nabathetheli bawo, wathi kubo, Mna ndisendimdala, ndicinezelekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa wawabiza onke amaSirayeli, amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa, wathi kubo: “Sendaluphele; ndigugile mna ngoku.