Joshua 23:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kangelani, sendinabele ngeqashiso ezintlanga eziseleyo, zibe lilifa ezizweni zenu, kutabata e‐Yoredane, nazo zonke intlanga endizinqamlileyo, kude kube selwandle olukulu ngasekutshoneni kwelanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Khangelani, ndinabele ngamaqashiso nezi ntlanga zisaseleyo, ukuba zibe lilifa lezizwe zenu, zithabathela eYordan, kunye neentlanga zonke endizinqumleyo, zesa kulwandle olukhulu ngasekutshoneni kwelanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, ndizahlula ngamaqashiso ezi ntlanga ziseleyo, zibe lilifa lezizukulwana zenu, zithabathele eYordan, kunye neentlanga zonke endazitshabalalisayo, zesa kulwandle olukhulu ngasentshonalanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Khumbulani ukuba isizwe ngasinye kuni ndisabele umhlaba waso kumhlaba weentlanga endizitshabalalisileyo, kwanezo zisaseleyo phakathi kweJordan nolwandle ngasentshonalanga.