Joshua 23:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova egqogqile pambi kwenu intlanga ezinkulu nezinamandla; kodwa nina, akemanga namnye umntu ebusweni benu kwada kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wazigqogqa ebusweni benu iintlanga ezinkulu, ezinamandla; ke nina akumanga mntu phambi kwenu unanamhla;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uYehova wagxotha iintlanga ezinkulu nezomeleleyo phambi kwenu, kodwa nina akukho namnye owakhe wema phambi kwenu de kube namhla;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo unigxothele izizwe ezikhulu nezinamandla ekungeneni kwenu, akwabikho bani unako ukumelana nani edabini.