Joshua 24:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA wahlanganisa u‐Yoshuwa zonke izizwe zo‐Sirayeli, e‐Shekeme, wabiza abadala bo‐Sirayeli, nentloko zabo, nabagwebi babo, namagosa abo; baye bezimisa ebusweni bukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wazihlanganisa uYoshuwa zonke izizwe zakwaSirayeli kwaShekem, wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, neentloko zawo, nabagwebi bawo, nababhali bawo; bazimisa phambi koThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wazibizela ndawonye uYoshuwa zonke izizwe zakwaSirayeli kwaShekem, wabiza amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zawo, nabagwebi bawo, nabalungiseleli bawo; bazimisa phambi koThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa wenza imbizo yazo zonke izizwe zakwaSirayeli eShekem. Wabiza onke amadoda amakhulu, iintloko zezindlu, abalamli, kunye nabanye abangamagosa akwaSirayeli, bonke baya kuthi nqwadalala *ngasesibingelelweni *sikaNdikhoyo.