Joshua 24:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ukuba kubi emehlweni enu ukumkonza uyehova, ziqasheleni namhla oyena niya kumkonza; nokuba ngotixo ababekonza bona oyihlo benu, ababepesheya kwomlambo, nokuba ngotixo baba‐Amori, enimiyo elizweni labo: mna kodwa, nendlu yam, siya kumkonza uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uYehova, zinyuleleni namhla oyena niya kumkhonza; nokuba ngoothixo ababekhonza bona ooyihlo, ababephesheya koMlambo, nokuba ngoothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba kubi emehlweni akho ukumkhonza uYehova, zinyulele namhla lowo uya kumkhonza; noothixo ababekhonza bona ooyihlo phesheya koMlambo, noothixo bama-Amori enihleli ezweni lawo; Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.”