Joshua 24:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba uyehova ngutixo wetu; nguye obesinyusa tina nobawo betu elizweni le‐Jipete, endlwini yobukoboka, nowenzayo emehlweni etu leyo imiqondiso mikulu, wasilondoloza kuyo yonke indlela sibe sihamba ngayo, napakati kwabo bonke abantu sacanda kubo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uYehova, uThixo wethu, nguye osinyusileyo thina noobawo bethu ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;owayenzela emehlweni ethu loo miqondiso mikhulu, wasigcina endleleni yonke esahamba ngayo, nasezizweni zonke esacanda phakathi kwazo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba nguYehova, uThixo wethu, owasikhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka, thina noobawo, owayenzayo le miqondiso mikhulu phambi kwethu, nosigcinayo endleleni yonke esahamba ngayo naphantsi kwethu bonke abantu esacanda kubo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
NguNdikhoyo uThixo wethu owasikhulula thina nookhokho eJiputa ebukhobokeni. Siyayazi imiqondiso emikhulu awayenzayo. Wasilondoloza konke apho sihamba khona, wasikhusela xa besicanda phakathi kweentlanga.