Joshua 24:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
waye uyehova kanjalo wabagxota bonke abantu abo, kwa aba‐Amori, abemi belozwe, pambi kwetu: tina nati siya kumkonza uyehova; ngokuba nguye o ngutixo wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waza wazigxotha uYehova zonke izizwe, nama-Amori abehleli kwelo zwe phambi kwethu. Nathi siya kukhonza uYehova; kuba nguThixo wethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wabagqogqa bonke abantu phambi kwethu, ama-Amori abehleli ezweni; ke ngoko, nathi siya kukhonza uYehova; ngokuba nguThixo wethu yena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo wasigxothela zonke iintlanga, nditsho kunye nama-Amori awayemi apha. Ngoko ke nathi sokhonza uNdikhoyo; nguye uThixo wethu.”