Joshua 24:19 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Yoshuwa wati ebantwini: Aningemkonze uyehova; ngokuba e ngutixo oyingcwele yena; u ngutixo onobukwele; akayi kuxolela ukugqita kwenu nezono zenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYoshuwa kubo abantu, Aninakumkhonza uYehova;ngokuba nguThixo oyingcwele, nguThixo onekhwele; akayi kuzithwala izikreqo zenu, nezono zenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYoshuwa ebantwini, Aninako ukumkhonza uYehova; ngokuba nguThixo ongcwele; unguThixo onekhwele; Akayi kunixolela ukreqo lwenu nezono zenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa wathetha namaSirayeli wenjenje: “Aninako ukumkhonza uNdikhoyo. UNdikhoyo nguThixo owahlukileyo; unguThixo onekhwele. Akasayi kukuxolela ukumvukela kwenu nokumona kwenu,