Joshua 24:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wabuya wati u‐Yoshuwa kubo bonke abantu: Bona ke, ilitye eli loba linqi̔na ngakuti; ngokuba livile onke amazwi kayehova abewateta kuti: loba linqi̔na ngakuni ngoko, hleze nimkanyele utixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Yabonani, eli litye liya kuba lingqina ngathi; ngokuba liwavile lona onke amazwi kaYehova, awathethileyo nathi; libe lingqina ngani, hleze nimkhanyele uThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYoshuwa kubo bonke abantu, Yabonani, eli litye liya kuba lingqina lethu; ngokuba niwevile onke amazwi kaYehova, awathethileyo kuthi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ebantwini bonke: “Niyabona, eli litye loba lelobungqina, kuba liwevile onke amazwi uNdikhoyo awabhekise kuthi. Lilo ke eloba lingqina xa nimkhanyela uThixo wenu.”