Joshua 24:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndaza ndamtabata uyihlo wenu u‐Abrahame pesheya kwomlambo, ndamhambisa kulo lonke ilizwe le‐Kanane, ndayandisa inzalo yake, ndamnika u‐Yisake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndamthabatha uyihlo uAbraham phesheya koMlambo, ndamhambisa ezweni lonke lakwaKanan, ndayandisa imbewu yakhe, ndamnika uIsake.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndamthabatha uyihlo uAbraham ndamwela umkhukula ndamhambisa kulo lonke ilizwe lakwaKanan ndaza ndayandisa inzala yakhe ndaza ndamnika uIsake.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uyihlo-mkhulu uAbraham ndamkhupha apho ngaphesheya kwe-Efrati, walityhutyha lonke elaseKanana. Ndampha abantwana abaninzi. Ndamnika uIsake;