Joshua 24:31 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku o‐Sirayeli babekonza uyehova yonke imihla ka‐Yoshuwa, nayo yonke imihla yabadala ababesidla ubomi kade emva kwo‐Yoshuwa, nababesazi wonke umsebenzi kayehova, abewenzele o‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
AmaSirayeli amkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nemihla yonke yamadoda amakhulu awasalayo kuYoshuwa, abewazi wonke umsebenzi kaYehova abewenzele amaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uYehova yonke imihla kaYoshuwa, nayo yonke imihla yamadoda amakhulu awasindayo kuYoshuwa, ibe ayewazi onke amashwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli ahlala ekhonza uNdikhoyo lo gama wayesaphila uYoshuwa. Akungabikho ahlala esenjenjalo nangalo gama ayesekho amadoda amakhulu awayenamava ngeziganeko ezikhulu ezenziwa nguNdikhoyo.