Joshua 24:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bakukala kuyehova, wabeka ubumnyama pakati kwenu nama‐Jipete, wazisa ulwandle pezu kwawo, wawaselela; kanjalo amehlo enu abonile oko bendikwenza e‐Jipete: nandula nahlala entlango imihla yamininzi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bakhala kuYehova; wabeka isithokothoko phakathi kwenu namaYiputa, wawazisela ulwandle, wawagubungela; amehlo enu akubona oko ndakwenzayo eYiputa. Nahlala entlango imihla emininzi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bambiza uYehova, wabeka ubumnyama phakathi kwenu namaYiputa, wawazisela ulwandle, wawagubungela; amehlo enu akubona oko ndakwenzayo eYiputa, nahlala entlango imihla emininzi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa bathi bakukhala ooyihlo, ndafaka ithunzi lobumnyama phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ndawagubungela ngamanzi olwandle, eyela amaJiputa – niyayazi loo nto. “ ‘Nahlala entlango ithuba elide.