Joshua 3:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WAVUKA kusasa u‐Yoshuwa ngomnye umhla; baza banduluka e‐Shitime, baya e‐Yoredane, yena nalo lonke usapo luka‐Sirayeli; balalisa kona, bengekaweli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka uYoshuwa kusasa ngengomso. Banduluka eShitim, bafika eYordan, yena noonyana bonke bamaSirayeli; balalisa khona bengekaweli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka kusasa uYoshuwa; Banduluka eShitim, bafika eYordan, yena noonyana bonke bakaSirayeli, balalisa khona ubusuku ngaphambi kokuba banduluke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngengomso uYoshuwa namaSirayeli ephela bavuka xa kumpondo zankomo, banduluka eShitim, baya kuma phezu kweJordan lo gama balinde ukuwela.