Joshua 3:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Yoshuwa: Kungoku eniya kwazi ukuba utixo ohleliyo upakati kwenu, nokuba uya kugqibela ukugqogqa pambi kwenu aba‐Kanane, nama‐Hete; nama‐Hivi, nama‐Perizi, nama‐Giregashe, naba‐Amori, nama‐Yebusi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi ke uYoshuwa, Niya kwazi ngale nto ukuba uThixo ophilileyo uphakathi kwenu, eya kuwagqogqa kuphele phambi kwenu amaKanan, namaHeti, namaHivi, namaPerizi, namaGirgashi, nama-Amori, namaYebhusi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYoshuwa, Niya kwazi ke ukuba uThixo ophilileyo uphakathi kwenu, uya kuwagqogqa phambi kwenu amaKanan, namaHeti, namaHeti, namaPerizi, namaGirgashi, nama-Amori, phambi kwenu, namaYebhusi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Noqonda ngale nto ukuba uThixo ophilayo ukho phakathi kwenu: nguye oya kuwaswantsulisa amaKanana, amaHeti, amaHivi, amaPerezi namaGirgashi, ama-Amori kunye namaJebhusi.