Joshua 3:17 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko abaperisite, abebetwala ityeya yocebano lukayehova, baqinisa ukuma pezu kwowomileyo umhlaba pakati kwe‐Yoredane; baza o‐Sirayeli bonke bawela pezu kwowomileyo umhlaba, bada bagqiba bonke abantu ukuwela i‐Yoredane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova bema bee bhuxe emhlabeni owomileyo phakathi kweYordan; awela onke amaSirayeli kowomileyo, lwada lwagqibela lonke uhlanga ukuwela iYordan.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ababingeleli abathwele ityeya yomnqophiso kaYehova bema ngokuqinileyo emhlabeni owomileyo phakathi kweYordan, yaye onke amaSirayeli awela kumhlaba owomileyo de lonke uhlanga luwele iYordan lucocekile.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo gama abantu bakwaSirayeli bawelayo behamba kumhlaba owomileyo, ababingeleli ababethwele ityesi yomnqophiso babemi zinzi kumhlaba owomileyo apho esizikithini somlambo iJordan, bada bawela baphelela abantu.