Joshua 3:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwobako kodwa umgama pakati kwenu nayo, ube ungati ngamawaka mabini ekubite ngomlinganiso; ningasondeli kuyo, ukuze niyazi indlela eniya kuhamba ngayo: ngokuba ningadlulanga ngalendlela ixesha lapambili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kodwa makubekho ithuba phakathi kwenu nayo, elingathi ngokulinganisa libe ngamawaka amabini eekubhite. Ize ningasondeli kuyo, ukuze niyazi indlela enohamba ngayo; kuba anihambanga ngale ndlela ngaphambili.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa makubekho ithuba phakathi kwakho naye, elingathi ngamawaka amabini eekubhite ngokomlinganiso; musani ukusondela kuyo, ukuze uyazi indlela oya kuhamba ngayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku niza kuhamba ngendlela eningazange niyihambe ngaphambili; kuya kufuneka ke nilandele ababingeleli. Kodwa kufuneka ningasondeli kwityesi yomnqophiso. Ze kubekho umgama omalunga nekhilomitha enye phakathi kwayo nani.”