Joshua 3:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Yoshuwa ebantwini: Zingcwaliseni! ngokuba ngomso uyehova eya kuyenza imimangaliso pakati kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYoshuwa ebantwini, Zingcwaliseni; ngokuba ngengomso uYehova uya kwenza imisebenzi ebalulekileyo phakathi kwenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYoshuwa ebantwini, Zihlambululeni, ngokuba ngengomso uYehova uya kwenza imisebenzi ebalulekileyo phakathi kwenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYoshuwa ke wathi ebantwini: “Zihlambululeni, kuba ngomso uNdikhoyo uza kwenza imimangaliso phakathi kwenu.”