Joshua 4:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku abaperisite, abebetwala ityeya, bema pakati kwe‐Yoredane, kwada kwafezwa zonke izinto, abete uyehova wamyalela u‐Yoshuwa ukuba azitete ebantwini, njengako konke u‐Mosesi abemyalele u‐Yoshuwa ngako: baza bakauleza abantu, bawela ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke ababingeleli ababethwele ityeya bema eYordan phakathi, ada agqitywa onke amazwi uYehova awamwisela umthetho uYoshuwa ukuba awathethe ebantwini, ngokwento yonke uMoses abemwisele umthetho ngayo uYoshuwa. Bakhawuleza abantu, bawela.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ababingeleli ababethwele ityeya bema phakathi eYordan de yagqitywa yonke into uYehova awayiyalela uYoshuwa ukuba ayithethe ebantwini, kanye njengoko uMoses wamyalelayo uYoshuwa; badlula ngokukhawuleza abantu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ababingeleli bema njalo emlanjeni iJordan kwada kwagqitywa yonke into ekwakuthiwe kuYoshuwa mayenziwe ngabantu. Zizinto ezaziyalelwe nguMosis zonke ezo. Abantu bakhawuleza ukuwela umlambo.