Joshua 4:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kute, xeshekweni abaperisite, abebetwala ityeya yocebano lukayehova, bebenyukile pakati kwe‐Yoredane, naxeshekweni imizantsi yenyawo zabaperisite ibinyotukele kowomileyo umhlaba, andula amanzi ase‐Yoredane abuyela endaweni yawo, agqitela zonke indonga zayo, njengexesha lapambili.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ekunyukeni kwababingeleli abathwele sityeya yomnqophiso kaYehova phakathi kweYordan, ekuncothukeni kweentende zeenyawo zababingeleli zafika kowomileyo, abuyela endaweni yawo amanzi aseYordan, ahamba njengokwangaphambili, ngaphandle kweendonga zayo zonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ekunyukeni kwawo eYordan ababingeleli ababethwele ityeya yomnqophiso kaYehova, nokunyuka kweenyawo zababingeleli baya emhlabeni owomileyo, abuyela endaweni yawo amanzi aseYordan, ahamba phezu kwelizwe lonke iindonga zayo, njengoko benza ngako.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
bathi bakuba bewelile, wabuya wazala, waphuphuma kwakhona umlambo.