Joshua 4:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku abantu benyuka e‐Yoredane ngoweshumi umhla wenyanga yokuqala, bati waca e‐Gilegale, ngecala lasempumalanga le‐Jeriko.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abantu benyuka baphuma eYordan ngolweshumi enyangeni yokuqala, bamisa eGiligali, ngecala lasempumalanga eYeriko.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banduluka abantu eYordan ngomhla weshumi wenyanga yokuqala, bamisa iintente eGiligali, engasempumalanga yeYeriko.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli ayiwela iJordan ngomhla weshumi kwinyanga yokuqala, afika amisa iintente eGiligali engasempumalanga yeJeriko.