Joshua 4:23 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba uyehova, utixo wenu, ebewatshisa amanzi ase‐Yoredane pambi kwenu, nada nawela; njengokuba uyehova, utixo wenu, ebesenzela ulwandle olubomvu, owabelutshisa pambi kwetu, sada sawela;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuba oko uYehova uThixo wenu wenza ukuba atshe amanzi aseYordan phambi kwenu, nada nawela; waxelisa oko uYehova uThixo wenu wakwenzayo kuLwandle oluBomvu, lona wenza ukuba lutshe phambi kwethu, sada sawela;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uYehova uThixo wenu wawafudumeza amanzi aseYordan phambi kwenu nada nawela, kanye njengoko wenzayo uYehova uThixo wenu ngoLwandle lweSikhephe awalufudumeza phambi kwethu sada sawela;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu wawanqumamisa amanzi eJordan, khon' ukuze niwele umlambo womile, kanye ngalaa ndlela womisa ngayo amanzi oLwandle oluBomvu khon' ukuze siwele.