Joshua 4:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
niwayalele ngokuti: Colani apa pakati kwe‐Yoredane, kulondawo inyawo zabaperisite zema ngokuqinileyo, amatye abe lishumi linamabini, niwaweze nani, niwabeke pantsi endaweni yokulalisa, apo niya kulalisa kona obubusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
niwawisele umthetho, nithi, Thabathani apha phakathi kweYordan, kule ndawo zimi kuyo iinyawo zababingeleli, amatye okumiswa abe lishumi elinamabini, niwele nawo, niwabele kuloo ndawo yokulalisa, niya kulalisa kuyo ngobu busuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabawisela umthetho, wathi, Thabathani apha phakathi kweYordan, apho zazimi khona iinyawo zababingeleli, amatye alishumi elinamabini, niwathuthuzele, niwashiye apho nilala khona iyakuhlala ngokuhlwanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yithi makathathe ishumi elinambini lamatye kulaa ndawo bekume zinzi kuyo ababingeleli esazulwini seJordan, awathwale loo matye, aze awabeke apho kuya kuba kukhululwe khona ngokuhlwa namhlanje.”