Joshua 4:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
niya kwandula ukuti kubo: Ngawokuti amanzi ase‐Yoredane ebenqanyulwa pambi kwayo ityeya yocebano lukayehova; yakuwela i‐Yoredane, amanzi ase‐Yoredane ebenqanyulwa: kwa njalo lamatye oba yinkumbuzo elusatsheni luka‐Sirayeli kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nothi kubo, Amanzi eYordan anqamka phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, ekuweleni kwayo eYordan anqamka amanzi eYordan; la matye oba sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, kude kuse ephakadeni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baphenduleni, nithi, Amanzi eYordan avingcelwa phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova; ekuweleni kwayo iYordan, anqamka amanzi aseYordan, abe sisikhumbuzo saloo matye koonyana bakaSirayeli ngonaphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nobaxelela ukuba ngamhla ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo yayiwela umlambo, ema amanzi, ahlanganiselana eJordan. La matye ohlala esisikhumbuzo kumaSirayeli sesiganeko esehla kule ndawo.”