Joshua 4:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwenje njalo ke usapo luka‐Sirayeli, njengokuyalela kuka‐Yoshuwa; lwaya lwacola amatye alishumi elinamabini pakati kwe‐Yoredane, njengokuba ebetshilo uyehova ku‐Yoshuwa, ngenani lezizwe zalo usapo luka‐Sirayeli; lwawaweza nalo ukuya endaweni yokulalisa, lwawabeka pantsi kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Benjenjalo ke oonyana bakaSirayeli, njengoko uYoshuwa wayebawisele umthetho. Bantabatha amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, njengoko wathethayo uYehova kuYoshuwa, ngokwenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli, bawela nawo, baya nawo kuloo ndawo balalisa kuyo, bawabeka khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oonyana bakaSirayeli benza njengoko uYoshuwa wabawisela umthetho ngako, bathabatha amatye alishumi elinamabini eYordan phakathi, njengoko uYehova wathethayo kuYoshuwa, ngenani lezizwe zoonyana bakaSirayeli, bawasa ezweni lakwaSirayeli balala khona, balala khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli enza ngokomyalelo kaYoshuwa. Awakhetha amatye alishumi elinambini emlanjeni iJordan ngokomlomo kaNdikhoyo kuYoshuwa, lalinye kwisizwe ngasinye, awasa kulaa ndawo kwakuza kukhululwa kuyo ngaloo mhla.