Joshua 5:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAZA kwati, kwakuviwa ngabo bonke okumkani baba‐Amori, abebenganeno kwe‐Yoredane ngasentshonalanga, nangabo bonke okumkani baba‐Kanane, abebengaselwandle, ukuba uyehova uwatshisile amanzi ayo i‐Yoredane pambi kwosapo luka‐Sirayeli, sada sawela, zandula zanyibilika intliziyo zabo, kanjako akwabi sabiko ubugagu kubo, ngenxa yosapo luka‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xenikweni bevayo bonke ookumkani bama-Amori, ababephesheya kweYordan ngasentshonalanga, nookumkani bonke bamaKanan, ababengaselwandle, ukuba uYehova wenze ukuba atshe amanzi eYordan phambi koonyana bakaSirayeli, bada bawela;zasuka zanyibilika iintliziyo zabo, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kubo phambi koonyana bakaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi, beva bonke ookumkani bama-Amori, ababephesheya kweYordan ngasentshonalanga, nookumkani bonke bamaKanan, ababengaselwandle, ukuba uYehova wawapheka kuqala amanzi aseYordan sada sacanda oonyana bakaSirayeli, zanyibilika iintliziyo zabo, akaba sabakho kubo umoya wabo ngenxa yoonyana bakaSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zonke iikumkani zama-Amori ngasentshonalanga kweJordan, nazo zonke ezamaKanana ezigudle ulwandle, zeva ngesiganeko esenziwa nguNdikhoyo sokomisa iJordan ada awela onke amaSirayeli. Zankwantya, zaphelelwa ngamandla ngenxa yamaSirayeli.