Joshua 5:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yaza yapela imana ngomnye umhla emveni kwokuba beludlile kwintlumelo yomhlaba; kanjalo usapo luka‐Sirayeli alwabi senayo imana, koko lube lusidla kwimveliso yelizwe le‐Kanane kwa ngalomnyaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yaphela imana ngengomso, emva kokudla kwabo iziveliso zelo zwe; ababa saba namana oonyana bakaSirayeli; badla ungeniselo lwelo zwe lakwaKanan ngaloo mnyaka.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yaphela imana ngengomso, xa badla ingqolowa yelizwe; bangabi saba nemana oonyana bakaSirayeli; badla iziqhamo zelizwe lakwaKanan ngaloo mnyaka.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Imana yaphela ngengomso, akaphinda ayifumana amaSirayeli, aza ngaloo nyaka atya ukutya okuveliswe yiKanana.