Joshua 5:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, akuba u‐Yoshuwa ebengase‐Jeriko, wapakamisa amehlo ake, wakangela, kekaloku, nantsi indoda imi malungana naye, ineṙele layo lir̔oliwe esandleni sayo. Wasuka u‐Yoshuwa waya kuyo, wati kuyo: Ungecala letu na, ungecala lentshaba zetu kusinina?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, xa ebeseYeriko, uYoshuwa wawaphakamisa amehlo akhe, wakhangela, wabona kumi indoda malunga naye, ithe rhuthu ikrele layo ngesandla. Waya uYoshuwa kuyo, wathi kuyo, Ungakuthi, ungakwiintshaba zethu, kusini na?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uYoshuwa wayeseYeriko wawaphakamisa amehlo akhe, wakhangela, wabona indoda imi malunga naye, ithe rhuthu ikrele layo ngesandla; Waya kuyo uYoshuwa, wathi kuyo, Ungakuthi, ungakuthi, kusini na?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa wayeselapho ngaseJeriko uYoshuwa, wagagana nomfo ophethe ikrele. Waya kuye uYoshuwa, wafika wathi: “Ngaba ungakuthi, okanye ulutshaba?”