Joshua 5:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati: Hai, kungokuba ndiyinkosi yomkosi kayehova endizileyo kaloku. Waza u‐Yoshuwa wawa ngobuso ngasemhlabeni, waziqubuda, wati kuyo: Iti nina inkosi yam esicakeni sayo?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yathi, Hayi, ndingumthetheli womkhosi kaYehova; ndifikile ngoku. Wawa uYoshuwa ngobuso bakhe emhlabeni, waqubuda, wathi kuyo, Ithetha ntoni na ke inkosi yam kumkhonzi wayo?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Hayi; kodwa ngoku ingumthetheli wenkundla kaYehova. Wawa uYoshuwa ngobuso bakhe, waqubuda, wathi kuyo, Ithetha ntoni na inkosi yam kumkhonzi wayo?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Nakanye, ndikho nje mna ndiyingqwayi-ngqwayi yomkhosi *kaNdikhoyo,” utshilo lo mfo. Wazikhahlela phantsi uYoshuwa, wathi: “Mhlekazi, mna ke ndisisicaka sakho; ufuna ndenze ntoni?”